Ukungalingani eMzantsi Afrika- Inequality in South Africa

Iingcali zophando zisixelela uba uMzantsi Afrika lo ukuluhlu lamazwe aphambili ekungalinanini kwabantu. Okukungalingani ke kusingise phakathi kwabasokolayo nabatyebileyo; kwabanemivuzo emikhulu nabanemivuzo emincinci. Abo bebefudula bephethe ubutyebi belilizwe basabuphethe nanamhlanje ntoleyo ikhombisa uba akukhange kubekho mahluko wenzekile emveni koba sifudukele kwiDemocracy.

Ukungalingani kwelilizwe kweza ngoba kwahlaliwa phantsi, ngamadoda ombuso wengcinezelo, kwahlela uba iStructure sesisizwe kumelwe simiswe ngendlela ezawubangela uba abanye bangalingani kunabanye. Ngelishwa kwasetyenziswa iBhaybhile ukwakhiwa ukukhohlakala nengcinezelo yabantu ababamnyama.

Okukusetyenziswa ngoku khohlakala kweZwi lika Thixo azange ibeyinto ethintela uba kwa IZwi eli lingasetyenziswa ekuchitheni kwa lowo mbuso. Ukutsho oko, Ekubeni umntu omnyama athe wazibhaqela ngokwakha iinyaniso zeLizwi lika Thixo, waphinda wasebenzisa lona ukuzikhulula. Nakubeni ekhululekile ngokwe politiki kodwa kuye kwabonakala uba akukabikho nkululeko ngokweziqoqosho.

Umhlaba, imali, ubutyebi, izimbiwa nokunye kusesezandleni zabamhlophe. Lento ke isibonisa uba ibandla lidinga ukubuye eLizwini ukusabela uba inkululeko kwezoqoqosho ingaze ifike njani kumntu wonke ongummi welilizwe. Ibandla lehlika labuyela kwizinto zobucawa emveni koba sifumene iDemocracy, kodwa ngoku ikhwelo liphumile ukuba kudingeka abaprofeti belixesha ukuthetha intliziyo kaThixo esizweni.

Ibandla elimhlophe lidinga uba ibelilo elivakala kakhulu ekuthini thethwe ngembuyiselo ngoba lilo eliyaziyo into yokutyeba kwisizukulwana sendlala. Ibandla elimnyama nalo kumelwe lingathuli hleze leyantlukwano ithathwe ngathi iqhelekile kwaye yamkelekile. Kodwa ke ngaphezu koko, xa linomanyana ibandla ngobubanzi balo, lithetha into enye ukuchitha okukungalingani, ifuthe lingavakala esizweni siphela. Kwincwadi yeZenzo 4:32, sibona ibandla lisenza into eyahlukileyo kunoko kwakusenzeka kwindawo ebabekuyo. Bambi bathengisa ngemihlaba ababenayo “kwaze akwabikho nomnye owayeswele phakathi kwabo.” Abo babenezinto, bancama ukuze banikele kwabo babengenanto. Yinto leyo eyabangela uba libonwe ibandla baze abaninzi bafune ukubayinxalenye yalo ngoba babona intliziyo kaThixo ivezwa libandla.

Kumelwe silibandla sizibuze uba lentlalo yeZenzo ithini kuthi namhlanje? Xa sizijonga kwisipili esiliLizwi likaThixo kutsho kuvele iimpendulo zezinto ezininzi ezidla umzi.

By Luthando Tofu

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *